ISAZISO KULUNTU 316/2025
ISAZISO NGEXESHA LEFESTIVE: UKUTHINTELWA KWEZAKHIWO EZINTSHA KWIINDAWO KUNYE NOKWANDISA
Bahlali abathandekayo
Njengoko singena kwiXesha leeHolide zika-2025 kwaye sisondela kuNyaka oMtsha ka-2026, singathanda ukuthabatha eli thuba sininqwenelela ixesha leholide elimnandi nelikhuselekileyo.
Siyazi ukuba uninzi lwenu lizakuya kwiiholide, kwaye nibuyele emsebenzini kunyaka omtsha. Niyacelwa ukuba nihambe ngokukhuselekileyo nangenkathalo.
Ngokuthathela ingqalelo iiholide ezizayo, singathanda ukukhumbuza bonke abahlali base lokshini kuMasipala waseCederberg ngesi saziso sibalulekileyo silandelayo:
UKUTHINTELWA KWEZAKHIWO EZINTSHA KUNYE NOKWANDISA
UMasipala waseCederberg unika isaziso sokuba AKUKHO ZAKHIWO EZINTSHA KWAYE AKUKHO LWANDISO LWEZAKHIWO ELIYA KUVUNYELWA KWEZINDAWO ZILANDELAYO:
- Citrusdal: Riverview
- Clanwilliam: Khayelitsha
- Lamberts Bay: enkomponi
- Elands Bay: New Rest
Umasipala uyakwalela ngokungqongqo ukwakhiwa kwezakhiwo kule mimandla ngaphandle kogunyaziso olufanelekileyo. Nawuphi na umntu ofunyenwe etyeshela esi saziso angajamelana nokutshutshiswa.
AMATYALA NEZOHLWAYO
INGXELO
Ukuba uye waqaphela naziphi na izakhiwo ezingagunyaziswanga ezakhiwayo, nceda uqhagamshelane neSebe lezeZindlu/loNyanzeliso loMthetho ngoko nangoko Unokuqhagamshelana noMnxeba wethu wokunika iNgxelo kule nombolo 027 482 8000 okanye uthumele i-imeyile ku customercare@cederberg.gov.za
UKUSEBENZA KUNYE
Masisebenze kunye ukwakha uluntu olukhuselekileyo, oluzinzileyo, nolusemthethweni kumntu wonke. Intsebenziswano nokuqonda kwenu kulo mbandela ixatyiswa kakhulu.
Enkosi ngokuqwalasela kwakho lo mba.
Ozithobayo
Mnu. G.F MATTYSE
UMPHATHI KAMASIPALA: UMASIPALA WASECEDERBERG
Last published 05 November 2025