SAZISO SOLUNTU 337/2025
UKUNGENISWA KWESICWANGCISO SOKUGQIBELA
SOKWAKHA NGO-2025
UMasipala waseCederberg wazisa bonke abayili bezakhiwo,
abacwangcisi, abaphuhlisi kunye noluntu ukuba umhla
wokugqibela wokungeniswa kwezicwangciso zezakhiwo
(iplani) zonyaka Ka-2025 uya kuba ngoLwesihlanu, umhla
wama-28 kuNovemba(EyeNkanga) ka-2025 ngentsimbi
ye-12:00 ebusuku.
Lo mhla ubekiweyo uyimfuneko ukuvumela iSebe loLawulo
lweZakhiwo ixesha elaneleyo lokuba liqhube kwaye
ligqibezele zonke izicelo ezingenisiweyo phambi kwexesha
lekhefu likaDisemba.
Naziphi na izicelo zesicwangciso sokwakha ezifunyenwe
emva kwe-28 Novemba(EyeNkanga) 2025 ziya kubhaliswa
kuphela kwaye ziqwalaselwe ukususela ngoMvulo we-12
Januwari(EyoMqungu) 2026.
Izicelo zokuhlolwa kwezakhiwo - kubandakanywa ukuqaliswa
ukugrunjwa kwemisele, ukudilizwa, ukuthuthwa kwamanzi,
umlilo, kunye nokugqitywa kwesakhiwo - ziya kuvalwa
ngoLwesihlanu, we-12 Disemba(EyoMnga) 2025 ngo-
12:00 ebusuku.
Izicelo ezisemthethweni zeZiqinisekiso zokuSebenza okanye
zokuGqibela ezifunyenwe emva koLwesihlanu we-28
Novemba 2025 ngo-15:00 ziya kusingathwa kuphela zize
zigqitywe ukususela ngoMvulo we-12 Januwari(EyoMqungu)
2026.
Nceda uqhagamshelane ne-Ofisi yoLawulo lweZakhiwo
ukuba ufuna nayiphi na ingcaciso eyongezelelweyo (027 482
8000) / nolant@cederberg.gov.za .
Intsebenziswano yenu ekuthobeleni le mihla ibekiweyo iya
kuvuyelwa.